Isaziso somntwana ozelwe ngaphandle kwaseRSA onabazali abangabemi baseMzantsi Afrika okanye onomama okanye utata ongummi waseMzantsi Afrika singanikwa kwiMishini yaseMzantsi Afrika kwilizwe elo umntwana wayezelwe kulo.
A. (i) Isaziso sokuzalwa (B1-24)
v Isiqinisekiso somtshato sabazali.
B. Igosa le-ofisi elibhalisa ukuzalwa alinawukwazi ukukhupha isiqinisekiso sokuzalwa, kodwa malinike abazali iB1-25 enguMqondiso wePhepha elingqina ukuzalwa.
C. Nceda qiniseka ukuba idilesi echanekileyo yabazali ikhapha iB1-24, nanjengoko isiqinisekiso sokuzalwa siza kudluliselwa kubo emva kokuba ukubhaliswa kokuzalwa kuthathelwe ingqalelo kwaza kwavunywa.
Ukubhaliswa kwasemva kwexesha
Xa ukuzalwa komntu ongaphezulu konyaka om-1 kubhaliswa , ubuninzi kangangoko bala maxwebhu alandelayo kufuneka bungeniswe neB1-24:
Ileta esuka kwisibhedlele apho umntu lowo wazalelwa khona.
IKhadi laseKlinikhi
Isiqinisekiso sokuphehlelelwa ukuba uphehlelelwe phambi kweminyaka emi-5.
Ileta esuka kwisikolo sokuqala afunde kuso.
Ukuba akukho xwebhu lunokungeniswa i-afidavithi esula kumalungu osapho anolwazi ngokuzalwa okanye awayekhona ngokuzalwa.
Uxwebhu B1-288-Isibhengezo
Isicelo B1-9 sencwadi yesazisi ukuba umntu lowouneminyaka eli-16 okanye ngaphezulu.
ISEBE LEZEKHAYA
Ubhaliso lokuZalwa
SiJonge iNkonzo yeLizwe eYiyo
Ubhaliso lokuzalwa
UMthetho
Umthetho wama1992(uMthetho No.51 wama1992) woBhaliso lokuZalwa nolokuBhubha, ulawula ubhaliso lokuzalwa konke kwiRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika.
Ubhekiselele kubani?
Umthetho ubhekiselele kubo bonke abemi baseMzantsi Afrika, nokuba kungaphakathi okanye kungaphandle kweRiphabhlikhi. Umthetho, kwakhona ubhekiselele kubo bonke abantu abangengobemi baseMzantsi Afrika, kodwa abahlala apha okomzuzwana okanye umphelo.
Ukugcwaliswa kwamaxwebhu.
Onke amaxwebhu abekwa kwimayikhrofilimu ngako oko kubalulekile ukuba amaxwebhu agcwaliswe nge-INKI EMNYAMA nangobhalo lwesandla olucocekileyo ukuvelisa ikopi ecacileyo nefundekayo.
Ngubani onokubhalisa ukuzalwa komntwana?
Ukuzalwa kungabhaliswa nanguwuphina umzali womntwana, okanye umntu onebango lomntwana, okanye owayecelwe ukuba abhalise ukuzalwa, ngaphandle kokuba unazo zonke iinkcukacha ezifunekayo.
Ubhaliso lokuzalwa
Ngokwayamene noMthetho,1992, wokuzalwa nokubhubha, konke ukuzalwa makubhaliswe kwiintsuku ezingama-30, emva koko iba sisaziso sokuzalwa esenziwe emva kwexeshsa yaye izizathu zesaziso sasemva kwexesha zingacelwa.
Ukuba ukuzalwa komntwana kubhaliswe emtshatweni, ifani katata okanye kamama okanye ukudityaniswa kwazo zombini, mayinikwe umntwana, iinkcukacha zikamama notata zifakwe kwisaziso sokuzalwa.
Umntwana ozalelwe ngaphandle komtshato(icandelo 10)
Ukuba umntwana uzalelwe ngaphandle komtshato, ukuzalwa kungabhaliswa ngeendlela ezintathu:
Ngefani kamama. Akukho zinkcukacha zikatata zibandakanywayo kwisaziso sokuzalwa.
Ngefani katata, ukuba utata uthatha ingqalelo yokubangutata ngokobukho bomntu okwicandelo 4 yaye nomama uyakuvumela oko.Iinkcukacha zikatata zifakwa kwisaziso sokuzalwa.
Ngefani kamama, ukuba utata uthatha ingqalelo yokubangutata ngokobukho bomntu okwicandelo 4 yaye nomama uyakuvumela oko. Iinkcukacha zikatata zifakwa kwisaziso sokuzalwa.
Umntwana ozelwe sele ebhubhile
Akukho nombolo yeSazisi eza kunikwa kumntu obhubhe ngaphambi kokunikwa kwesaziso sakhe sokuzalwa. Sisiqinisekiso sokubhubha esibhalwe ngesandla kuphela esiza kunikwa.
Isaziso sokuzalwa somntwana olahliweyo i Isaziso somntwana olahliweyo siza kunikwa emva kophando ngokuphathelele kumntwana ngokwayamene noMthetho woKhathalelo loMntwana 1983( uMthetho 74 wama 1983) ngunontlalontle okanye igosa le-ofisi eligunyazisiweyo.
ii Isaziso sokuzalwa masigcwaliswe ngunontlalontle okanye ngumgcini okhethwe ngomthetho wenkundla.
iii Ifani namagama zinganikwa yinkundla okanye ngumgcini.
iv Umhla wokuzalwa unganikwa ngugqirha wesithili emva kokuxilonga.
v Akukho zinkcukacha zamzali zifakwayo kwiSaziso sokuZalwa. Igama u"AKAZIWA" liyabhalwa, endaweni yeenkcukacha zabazali.
vii Ukuba iinkcukacha zomzali zingenisiwe nangaliphina ixesha emva kobhaliso lokuzalwa komntwana, uMlawuli-Jikelele angongeza aze alungise ezo nkcukacha.
viii Ngokwesaziso sokuzalwa semva kwexesha iminwe ingathathwa, ukuba umntu uneminyaka eli-16 nangaphezulu.
